Ukuthwetyulwa kukaAyanda

by Hleze Kunju

UAyanda useGwadana
amagqwirh’ amnquml’ ulwimi
uya kuba likhoboka
ubomi bakhe bonke.

Uyabaleka xa ebona abantu
akukho negqirha elinokumbuyisa
wazisa ngokwakhe eGwadana
abazali bamhlawulela eGwadana
besithi iGwadana yiYunivesithi.

Kungoku nje usisithunzela
ekuhlaleni asimva xa ethetha
akathethi, uyang’ hong’oza
uncokola namagqwirha odwa.

Yintakatho ukutyhuthulwa ulwimi
bubuthunzela ukungabinalwimi
uAyanda uthwetyulwe.